"Isisele Senyathi" yingqokelela yamabali amafutshane athi abelane nomfundi ngobuncwane kwanobutyebi bemo-ntlalo, umnombo kwanenkcubeko yama Afrika. Ibali ngalinye likukrobisa kwizehlo ezithe zehlela uluntu, imvelaphi, ubuhlakani kwanalawo abuntsomirha ebhalwe liqhula lomfo onobugqibeleleyo ubuchule bokubalisa. Ngamabali athatha umfundi ukusuka kumathafa, iintaba nemilambo ebuhle bungenambaliso yase zilalini aye kumbeka esizikithini sedolophu apho ubomi buphala okwehashe lomdyarho; abhentsisa iinkolelo, imo yentlalo yamandulo neyakaloku nje ezilalini nasezidolophini neendlela ngeendlela abalinganiswa abakwazi ngazo ukumelana nobomi banamhlanje kodwa besabambelele, bengagungqi ezingcanjini zabo. Kuyo yonke le ngqokelela, uKutlwano Mavundla ubophe ngabande linye inkolo, ubuntu ekwabhentsisa ubutsolo bengqondo yemveli kwanokubaluleka kwayo kuluntu. Abalinganiswa banemiceli-mingeni empilweni jikelele; eluthandweni, balwa nentswelo kwanokulahlekelwa, eminye yaloo mingeni ibabeka kwilizwe lemimoya, kuloo mbunda ndimunyeke ke athi aqulunqeke amangomso abo njengoko lamabali eneemfundiso ngeemfundiso. Ngokuya efunda Isisele Senyathi umfundi uzifumana ekwilizwe lemimangaliso, apho maxa wambi elemimoya lihlangana neli limiweyo, ezamandulo nezanamhlanje... ahlangane amagqwirha namagqirha! U Aggrey Kutlwano Mavundla uyakumema ke mfundi ukuba uzithaphulele kulo mboniso wobaliso ngobuzwe kwanenkcubeko yethu ma Afrika... umbele ubhonxile, azi liphethwe ngubanina ithunga!?
- Quick Picks
- New eBook additions
- Available now
- Most popular
- Always Available Classics
- See all ebooks collections
- Quick Picks audio
- New audiobook additions
- New teen additions
- New kids additions
- Most popular
- Available now
- Try something different
- See all audiobooks collections
- Newly Added Magazines
- Popular Magazines
- News and Politics
- Let's Get Cooking!
- Celebrity Magazines
- Arts & Crafts
- Travel & Outdoor
- Health & Fitness
- Sports
- Business & Finance
- Family & Parenting
- Kids & Teens
- Tech & Gaming
- See all magazines collections